


Mbongeni Ngema





GEMINI
(May 21 - June 21) Ukuphucula ukuzithemba kufanele kongeze umdla kwiinzame zakho, kweli xesha lilungele ukuzalisekisa iminqweno yakho. Khumbula ukuba ixesha liyahamba, kufuneka wenze iinguqu. Bubulumko ukulisebenzisa kakuhle ixesha, zicace iinjongo zakho. Ubuhlobo nesithandwa sakho ngoku bufuman ingqalelo, kufanele usabele ngokusebenzisana naso malunga namacebo exesha elizayo. Imihla yethamsanqa: ngowama-25, owama-26 nowama-27. Amanani ethamsanqa: ngu-7, u-8 no-9.

CANCER
(June 22 - July 22) Unokwenza lukhulu kwinkqubela yamacebo eshishini lakho. Mhlawumbi unokuqalisa okutsha ukuba ezoshishino ziyathembisa Kukho ithemba kwezemali, zama enye indlela yozenzela imali. Uza kufumanisa ukuthi unosukelo oluthembisayo xa uwahlolisisa amathuba. Ezothando nezolonwabo ziyathembisa kweli thuba. Imihla yethamsanqa: ngowoku-1, owe-2, owama-28 nowama-29. Amanani ethamsanqa: ngu-1 no-2.

LEO
(July 23 - August 23) Ukuzikisa ingqondo kuza kukubangela uzisebenzise kanobom iziphiwo zakho kweli thuba. Ukuzikisa ingqondo ngoku kuthetha ukuthi unokuqala amacebo amahle. Ukuyiqonda kakuhle imibandela ethile kuluncedo. Kuyimhemhe yakho ukulibangela eli thuba libe lelona lanelisayo kwezothando. Unokulindela inkqubela entle xa ugxininisa kwezothando. Imihla yethamsanqa: ngowe-3, owe-4 nowama-30. Amanani ethanisanqa: ngu-3 no-4.

VIRGO
(August 24 - September 22) Mayela nemibandela yeshishini neyomzi wakho, kufanele ufumane indlela abanye abayilungisa ngayo imibandela enjalo phambi kokuba ulinge naliphi na inyathelo. Amacebiso abo aya kukukhokela kakuhle, afanele akuncede wenze isigqibo sobulumko. Ukuyixubusha nizolile imiba edl'umzi kuya kukwenza neqabane lakho nisombulule ukungavani, ngokwenjenje niqinisa amaqhina othando. Imihla yethamsanqa: ngowe5, owe-6 nowe-7. Amanani ethamsanqa: ngu-5, u6 no-7.
LIBRA
(September 23 - October 22)
Zilungise ukuze uqiniseke ukuthi akusali ngasemva xa kuthethwa ngezentlalo. Xa ngoku uwenza umzamo wokuziphucula kokukhona usethubeni lokubona isithuba sakho kwezentlalo. Ngoku usethubeni lokuba uwolwe kwakhona sisithandwa sakudala ukuba ngoku akunaso. Okunye ongadibana nako ungalindele kunokuvus inkanuko. Imihla yethamsanqa: ngowe-8 no-9. Amanani ethamsanqa: ngu-8 no-9.


SCORPIO
(October 23 - November 22) Amandla nokuzithemba zizisombululo zakho zenkqubela. Zikisa ingqondo ekuyiphuculeni ngocwangco iminqweno yakho, qiniseka ukuthi ozikise kuko yimiba eza kukuzuzisa intlonelo newonga kwabo ojolise kubo. Masithi okwethutyana ubungahoywa, ngoku unokukhangela phambili ekwaneliseni olo thando ululambeleyo. Imihla yethamsanqa: ngowe-1O nowe-11. Amanani ethamsanqa: ngu-1 no-2.


SAGITTARIUS
(November 23 - December 21) Lindela ithuba lokuwelwa ngumq'esandleni nokuqalisa iphulo elitsha. Ungazama ukuzibek'esichengeni kuxhomekeka ukuthi ucingisisile. Ngenela ukhuphiswano kusengenzeka uzuze okuthile. Ungavumeli abanye bangxobhagxobhe kwezothando, badimaze. Imihla yethamsanqa:
ngowe-12 nowe-13. Amanani ethamsanqa: ngu-3 no-4.


CAPRICORN
(December 22 - January) Ukuba udwelisa uncedo lwezalamane nabahlobo abasenyongweni izinto ziza kukuhambela kakuhle. Uncedo nemithombo yixube nezipho namacebiso abantu abakunqwenelel'ukuhle kweli xesha. Malunga nothando, ngokuqinisekileyo uza kuvuzwa lukhulu xa kuthethwa ngothando nokuqondwa ukuba wena kukho oye kwangethuba wakubekel'amangomso. Imihla yethamsanqa: ngowe-14 nowe-15. Amanani ethamsanqa: ngu-5 no-6.
AQUARIUS
(January 21 - February 19)
Ukuze uphumelele ebomini gqwesa. Endaweni yokulindela izinto zenzeke yenza ulindele impumelelo. Londoloza ikamva lakho ngokuseka usukelo oluphumelelayo, wenze umzamo wokuqabelisa olo sukelo. Malunga nemibandela yothando, eli lithuba lokuthandwa. Imihla yethamsanqa: ngowe-16 nowe-17. Amanani ethamsanqa: ngu-7 no-8.

PISCES
(February 20 - March 20) Xa wena ungumphathi-shishini ocingisisayo unokuncedisa ekulenzeni liphumelele. Libangele libe lihle idumasi lakho ngokuba yindlezane ube nobubele. Ukuzingisa nomonde yintlanganisela entle, kunokukunceda ekuyizingeleni impumelelo. Eli ikwalithuba lethamsanqa ekuqondeni imiba ethile yesithandwa yaye ninokwenza kubekho uzinzo eluthandweni lwenu neqabane lakho. Imihla yethamsanqa: ngowe-18 nowe-19. Amanani ethamsanqa: ngu-1 no-9.

ARIES
(March 21 - April 20) Shenxisa zonke iingcinga ezilandulayo, zikhulule kwimiqobo ekuthintelayo. Shenxisa iingcamango ezingakhiyo neembono eziphelelwe lixesha. Lixesha lokuzibumba ngokutsha engqondweni. Ngenxa yomoya wochulumanco kwezothando, ngokuqinisekileyo uza kuyiqonda iminqweno neemfuno zesithandwa sakho. Ukuba akunasithandwa uza kuba nethamsanqa. Imihla yetharnsanqa: ngowama-20 nowama-21. Amanani ethamsanqa: ngu-2 no-3.

TAURUS
(April 21 - May 20) Ungahambi ngesantya sofudo ekuqiniseni imicimbi yobuqu xa amathuba ekuvumele uyikhawulezise. Ukuqonda ukuba ngoku kufuneka uthethe nabangasekhoyo kungqineka
 kunguchatha woncedo ekuqondeni obungakwazi. Eli ikwalithuba elihle kuwe nesithandwa sakho lokunikana amacebo nelokuceba iminqweno yengomso. Imihla yethamsanqa: ngowama-22, owama-23 nowama-24. Amanani ethamsanqa:
ngu-4, u-5 no-6.



162 BONA XHOSA June	1995

